-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 12:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
2
|Job 12:2|
Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko.
-
3
|Job 12:3|
Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
-
4
|Job 12:4|
Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.
-
5
|Job 12:5|
Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.
-
6
|Job 12:6|
Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo.
-
7
|Job 12:7|
Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;
-
8
|Job 12:8|
Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle.
-
9
|Job 12:9|
Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?
-
10
|Job 12:10|
Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40