- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 32:1|
									Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 32:2|
									Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi,  owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 32:3|
									Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 32:4|
									Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 32:5|
									Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 32:6|
									Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi,  Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 32:7|
									Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 32:8|
									Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 32:9|
									Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 32:10|
									Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18