-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 10:1|
Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;
-
2
|Job 10:2|
Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?
-
3
|Job 10:3|
Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
-
4
|Job 10:4|
Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?
-
5
|Job 10:5|
Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:
-
6
|Job 10:6|
Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,
-
7
|Job 10:7|
Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
-
8
|Job 10:8|
Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.
-
9
|Job 10:9|
Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!
-
10
|Job 10:10|
Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10