- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 20:1|
									Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 20:2|
									Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 20:3|
									Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 20:4|
									Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 20:5|
									Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 20:6|
									Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,  Intloko yakhe wayifikisa emafini:									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 20:7|
									Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi,  Uphi na?									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 20:8|
									Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 20:9|
									Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 20:10|
									Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18