-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 20:21|
Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
-
22
|Job 20:22|
Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
-
23
|Job 20:23|
Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
-
24
|Job 20:24|
Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
-
25
|Job 20:25|
Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.
-
26
|Job 20:26|
Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
-
27
|Job 20:27|
Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye.
-
28
|Job 20:28|
Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.
-
29
|Job 20:29|
Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40