- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 17:1|
									Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 17:2|
									Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 17:3|
									Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 17:4|
									Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 17:5|
									Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 17:6|
									Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 17:7|
									Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 17:8|
									Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 17:9|
									Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 17:10|
									Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18