- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 6:1|
									Waphendula uYobhi, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 6:2|
									Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam,  Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 6:3|
									Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 6:4|
									Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 6:5|
									Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 6:6|
									Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 6:7|
									Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 6:8|
									Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 6:9|
									Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe,  andinqumle!									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 6:10|
									Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18