-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 27:1|
Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
-
2
|Job 27:2|
Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam
-
3
|Job 27:3|
(Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),
-
4
|Job 27:4|
Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.
-
5
|Job 27:5|
Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.
-
6
|Job 27:6|
Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.
-
7
|Job 27:7|
Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.
-
8
|Job 27:8|
Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?
-
9
|Job 27:9|
Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?
-
10
|Job 27:10|
Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38