-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 37:1|
Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.
-
2
|Job 37:2|
Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
-
3
|Job 37:3|
Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
-
4
|Job 37:4|
Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
-
5
|Job 37:5|
UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
-
6
|Job 37:6|
Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
-
7
|Job 37:7|
Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
-
8
|Job 37:8|
Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.
-
9
|Job 37:9|
Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
-
10
|Job 37:10|
Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10