- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 30:1|
									Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 30:2|
									Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo,  Abaphelelwe ngamandla?									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 30:3|
									Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu,  Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 30:4|
									Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 30:5|
									Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 30:6|
									Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 30:7|
									Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 30:8|
									Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 30:9|
									Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 30:10|
									Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18