- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 30:11|
									Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 30:12|
									Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam,  Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 30:13|
									Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam,  Abangenamncedi.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 30:14|
									Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni,  Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 30:15|
									Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 30:16|
									Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam;  Indibambile imihla yeentsizi.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 30:17|
									Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 30:18|
									Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 30:19|
									Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 30:20|
									Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18