- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 9:1|
									Waphendula uYobhi, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 9:2|
									Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 9:3|
									Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 9:4|
									Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 9:5|
									Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 9:6|
									Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 9:7|
									Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce,  iinkwenkwezi ngeenxa zonke;									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 9:8|
									Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 9:9|
									Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela,  Neengontsi zasezantsi.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 9:10|
									Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18