-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 37:11|
Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
-
12
|Job 37:12|
Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;
-
13
|Job 37:13|
Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
-
14
|Job 37:14|
Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
-
15
|Job 37:15|
Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
-
16
|Job 37:16|
Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
-
17
|Job 37:17|
Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
-
18
|Job 37:18|
Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
-
19
|Job 37:19|
Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.
-
20
|Job 37:20|
Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10