-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 20:1|
Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
-
2
|Job 20:2|
Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.
-
3
|Job 20:3|
Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
-
4
|Job 20:4|
Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
-
5
|Job 20:5|
Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
-
6
|Job 20:6|
Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini:
-
7
|Job 20:7|
Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na?
-
8
|Job 20:8|
Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.
-
9
|Job 20:9|
Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.
-
10
|Job 20:10|
Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40