-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 32:11|
Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.
-
12
|Job 32:12|
Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.
-
13
|Job 32:13|
Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.
-
14
|Job 32:14|
Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
-
15
|Job 32:15|
Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.
-
16
|Job 32:16|
Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?
-
17
|Job 32:17|
Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.
-
18
|Job 32:18|
Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.
-
19
|Job 32:19|
Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
-
20
|Job 32:20|
Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10