- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 13:1|
									Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam,  yakuqonda.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 13:2|
									Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 13:3|
									Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 13:4|
									Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 13:5|
									Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 13:6|
									Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 13:7|
									UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 13:8|
									Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 13:9|
									Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na,  njengokuba enokugculelwa umntu?									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 13:10|
									Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18