-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 14:1|
Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.
-
2
|Job 14:2|
Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi.
-
3
|Job 14:3|
Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?
-
4
|Job 14:4|
Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.
-
5
|Job 14:5|
Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa.
-
6
|Job 14:6|
Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.
-
7
|Job 14:7|
Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli.
-
8
|Job 14:8|
Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini:
-
9
|Job 14:9|
Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.
-
10
|Job 14:10|
Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3