-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 18:11|
Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.
-
12
|Job 18:12|
Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.
-
13
|Job 18:13|
Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.
-
14
|Job 18:14|
Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.
-
15
|Job 18:15|
Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.
-
16
|Job 18:16|
Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe.
-
17
|Job 18:17|
Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni.
-
18
|Job 18:18|
Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo.
-
19
|Job 18:19|
Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe.
-
20
|Job 18:20|
Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19