-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 1:1|
Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.
-
2
|Job 1:2|
Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.
-
3
|Job 1:3|
Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.
-
4
|Job 1:4|
Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.
-
5
|Job 1:5|
Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
-
6
|Job 1:6|
Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.
-
7
|Job 1:7|
Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
-
8
|Job 1:8|
Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
-
9
|Job 1:9|
USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?
-
10
|Job 1:10|
Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10