-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 21:21|
Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
-
22
|Job 21:22|
Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
-
23
|Job 21:23|
Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
-
24
|Job 21:24|
Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
-
25
|Job 21:25|
Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.
-
26
|Job 21:26|
Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
-
27
|Job 21:27|
Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
-
28
|Job 21:28|
Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
-
29
|Job 21:29|
Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
-
30
|Job 21:30|
Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4