- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 23:1|
									Waphendula uYobhi, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 23:2|
									Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 23:3|
									Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 23:4|
									Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 23:5|
									Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako,  Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 23:6|
									Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 23:7|
									Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam,  kuphele.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 23:8|
									Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva,  ndingamnakani;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 23:9|
									Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 23:10|
									Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18