- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 24:1|
									Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 24:2|
									Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 24:3|
									Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 24:4|
									Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 24:5|
									Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 24:6|
									Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 24:7|
									Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 24:8|
									Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa,  bengenandawo yakuzimela.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 24:9|
									Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 24:10|
									Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18