- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 33:11|
									Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 33:12|
									Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 33:13|
									Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 33:14|
									Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,  Nangezimbini, ke akukhathalwa.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 33:15|
									Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 33:16|
									Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 33:17|
									Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 33:18|
									Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 33:19|
									Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 33:20|
									Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18