-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 39:11|
Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?
-
12
|Job 39:12|
Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho?
-
13
|Job 39:13|
Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?
-
14
|Job 39:14|
Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini;
-
15
|Job 39:15|
Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela.
-
16
|Job 39:16|
Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.
-
17
|Job 39:17|
Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.
-
18
|Job 39:18|
Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.
-
19
|Job 39:19|
Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?
-
20
|Job 39:20|
Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21