-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 40:11|
Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
-
12
|Job 40:12|
Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
-
13
|Job 40:13|
Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
-
14
|Job 40:14|
Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
-
15
|Job 40:15|
Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.
-
16
|Job 40:16|
Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
-
17
|Job 40:17|
Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
-
18
|Job 40:18|
Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
-
19
|Job 40:19|
Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
-
20
|Job 40:20|
Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7