- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 41:11|
									Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?  Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 41:12|
									Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo,  nezimbo zezintlu zayo.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 41:13|
									Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?  Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 41:14|
									Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 41:15|
									Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 41:16|
									Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 41:17|
									Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 41:18|
									Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 41:19|
									Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,  Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 41:20|
									Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18