-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Job 7:11|
Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
-
12
|Job 7:12|
Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo?
-
13
|Job 7:13|
Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
-
14
|Job 7:14|
Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni,
-
15
|Job 7:15|
Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
-
16
|Job 7:16|
Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
-
17
|Job 7:17|
Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
-
18
|Job 7:18|
Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke?
-
19
|Job 7:19|
Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
-
20
|Job 7:20|
Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40