-
-
Xhosa
-
-
21
|Lucas 1:21|
Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.
-
22
|Lucas 1:22|
Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi.
-
23
|Lucas 1:23|
Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.
-
24
|Lucas 1:24|
Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,
-
25
|Lucas 1:25|
Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.
-
26
|Lucas 1:26|
Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete,
-
27
|Lucas 1:27|
kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya.
-
28
|Lucas 1:28|
Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi.
-
29
|Lucas 1:29|
Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo.
-
30
|Lucas 1:30|
Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7