-
-
Xhosa
-
-
61
|Lucas 1:61|
Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho.
-
62
|Lucas 1:62|
Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa.
-
63
|Lucas 1:63|
Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke.
-
64
|Lucas 1:64|
Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.
-
65
|Lucas 1:65|
Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto.
-
66
|Lucas 1:66|
Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.
-
67
|Lucas 1:67|
UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:
-
68
|Lucas 1:68|
Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.
-
69
|Lucas 1:69|
Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo,
-
70
|Lucas 1:70|
Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5