-
-
Xhosa
-
-
71
|Lucas 1:71|
Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;
-
72
|Lucas 1:72|
Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,
-
73
|Lucas 1:73|
Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,
-
74
|Lucas 1:74|
Sokusinika ukuba sithi, sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika,
-
75
|Lucas 1:75|
Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.
-
76
|Lucas 1:76|
Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,
-
77
|Lucas 1:77|
Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,
-
78
|Lucas 1:78|
Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni,
-
79
|Lucas 1:79|
Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.
-
80
|Lucas 1:80|
Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10