-
-
Xhosa
-
-
51
|Lucas 1:51|
Wenze amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
-
52
|Lucas 1:52|
Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo.
-
53
|Lucas 1:53|
Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha.
-
54
|Lucas 1:54|
Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe;
-
55
|Lucas 1:55|
Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
-
56
|Lucas 1:56|
Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.
-
57
|Lucas 1:57|
Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana.
-
58
|Lucas 1:58|
Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
-
59
|Lucas 1:59|
Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;
-
60
|Lucas 1:60|
koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7