-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 1:41|
Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete.
-
42
|Lucas 1:42|
Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho.
-
43
|Lucas 1:43|
Kuhle ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?
-
44
|Lucas 1:44|
Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam.
-
45
|Lucas 1:45|
Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
-
46
|Lucas 1:46|
Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
-
47
|Lucas 1:47|
Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
-
48
|Lucas 1:48|
Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
-
49
|Lucas 1:49|
Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe.
-
50
|Lucas 1:50|
Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10