-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 2:1|
Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo.
-
2
|Lucas 2:2|
Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubonÂ’ ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya.
-
3
|Lucas 2:3|
Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi.
-
4
|Lucas 2:4|
Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;
-
5
|Lucas 2:5|
esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.
-
6
|Lucas 2:6|
Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.
-
7
|Lucas 2:7|
Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi.
-
8
|Lucas 2:8|
Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.
-
9
|Lucas 2:9|
Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.
-
10
|Lucas 2:10|
Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40