-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 2:31|
Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,
-
32
|Lucas 2:32|
Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.
-
33
|Lucas 2:33|
Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.
-
34
|Lucas 2:34|
USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;
-
35
|Lucas 2:35|
ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.
-
36
|Lucas 2:36|
Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.
-
37
|Lucas 2:37|
Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.
-
38
|Lucas 2:38|
Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.
-
39
|Lucas 2:39|
Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.
-
40
|Lucas 2:40|
Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40