-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 2:41|
Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika.
-
42
|Lucas 2:42|
Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubonÂ’ ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo,
-
43
|Lucas 2:43|
bakubonÂ’ ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina.
-
44
|Lucas 2:44|
Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.
-
45
|Lucas 2:45|
Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.
-
46
|Lucas 2:46|
Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.
-
47
|Lucas 2:47|
Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe.
-
48
|Lucas 2:48|
Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.
-
49
|Lucas 2:49|
Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?
-
50
|Lucas 2:50|
Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34