-
-
Xhosa
-
-
21
|Lucas 2:21|
Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.
-
22
|Lucas 2:22|
Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi,
-
23
|Lucas 2:23|
njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini;
-
24
|Lucas 2:24|
nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu.
-
25
|Lucas 2:25|
Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
-
26
|Lucas 2:26|
Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.
-
27
|Lucas 2:27|
Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,
-
28
|Lucas 2:28|
yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:
-
29
|Lucas 2:29|
Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;
-
30
|Lucas 2:30|
Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40