-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 2:11|
ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi.
-
12
|Lucas 2:12|
Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.
-
13
|Lucas 2:13|
Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,
-
14
|Lucas 2:14|
Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.
-
15
|Lucas 2:15|
Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.
-
16
|Lucas 2:16|
Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.
-
17
|Lucas 2:17|
Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana.
-
18
|Lucas 2:18|
Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi.
-
19
|Lucas 2:19|
Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe.
-
20
|Lucas 2:20|
Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40