-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 14:31|
Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
-
32
|Lucas 14:32|
Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
-
33
|Lucas 14:33|
Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.
-
34
|Lucas 14:34|
Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?
-
35
|Lucas 14:35|
Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
1
|Lucas 15:1|
Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.
-
2
|Lucas 15:2|
Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.
-
3
|Lucas 15:3|
Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,
-
4
|Lucas 15:4|
Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?
-
5
|Lucas 15:5|
Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16