-
-
Xhosa
-
-
6
|Lucas 15:6|
Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.
-
7
|Lucas 15:7|
Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
-
8
|Lucas 15:8|
Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane?
-
9
|Lucas 15:9|
Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.
-
10
|Lucas 15:10|
Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.
-
11
|Lucas 15:11|
Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini.
-
12
|Lucas 15:12|
Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo.
-
13
|Lucas 15:13|
Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.
-
14
|Lucas 15:14|
AkubonÂ’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye.
-
15
|Lucas 15:15|
Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16