-
-
Xhosa
-
-
26
|Lucas 15:26|
Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto.
-
27
|Lucas 15:27|
Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile.
-
28
|Lucas 15:28|
Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza.
-
29
|Lucas 15:29|
Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo;
-
30
|Lucas 15:30|
kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo.
-
31
|Lucas 15:31|
Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho.
-
32
|Lucas 15:32|
Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.
-
1
|Lucas 16:1|
Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe.
-
2
|Lucas 16:2|
Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa.
-
3
|Lucas 16:3|
Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16