-
-
Xhosa
-
-
4
|Lucas 16:4|
O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.
-
5
|Lucas 16:5|
Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam?
-
6
|Lucas 16:6|
Uthe ke yena, Likhulu leebhate zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu.
-
7
|Lucas 16:7|
Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo.
-
8
|Lucas 16:8|
Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.
-
9
|Lucas 16:9|
Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade.
-
10
|Lucas 16:10|
Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu.
-
11
|Lucas 16:11|
Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?
-
12
|Lucas 16:12|
Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
-
13
|Lucas 16:13|
Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16