-
-
Xhosa
-
-
16
|Lucas 15:16|
Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.
-
17
|Lucas 15:17|
Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala?
-
18
|Lucas 15:18|
Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho.
-
19
|Lucas 15:19|
Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho.
-
20
|Lucas 15:20|
Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga.
-
21
|Lucas 15:21|
Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho.
-
22
|Lucas 15:22|
Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe.
-
23
|Lucas 15:23|
Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali.
-
24
|Lucas 15:24|
Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.
-
25
|Lucas 15:25|
Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 13-16