-
-
Xhosa
-
-
42
|2 Samuel 19:42|
Aphendula onke amadoda akwaYuda kumadoda akwaSirayeli, athi, Kungokuba ukumkani esalamana nathi; yini na ukuba nivuthe ngumsindo ngale ndawo? sikhe sadla nto na kukumkani? sikhe saphiwa nto na?
-
43
|2 Samuel 19:43|
Aphendula amadoda akwaSirayeli kumadoda akwaYuda, athi, Sinezahlulo ezilishumi thina kukumkani nakuDavide sinokungaphezu kwenu; yini na ukuba nisicukuceze? Ilizwi lethu lokumbuyisa ukumkani wethu belingaqale kuthi yini na? Laba lukhuni ilizwi lamadoda akwaYuda kunelizwi lamadoda akwaSirayeli.
-
1
|2 Samuel 20:1|
Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli.
-
2
|2 Samuel 20:2|
Enyuka ke onke amadoda akwaSirayeli, emka ekumlandeleni uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri; ke amadoda akwaYuda anamathela kukumkani wawo, ethabathela eYordan esa eYerusalem.
-
3
|2 Samuel 20:3|
Weza uDavide endlwini yakhe eYerusalem; ukumkani wabathabatha abafazi bakhe abalishumi abangamashweshwe, abebashiyile ukuba bagcine indlu, wababeka endlwini yogcino, wabaxhasa, akangena kubo. Bavalelwa ke yada yaba yimini yokufa kwabo, behleli bengabahlolokazi.
-
4
|2 Samuel 20:4|
Wathi ukumkani kuAmasa, Ndihlabele umkhosi kumadoda akwaYuda ngemihla emithathu, ubekho nawe apha.
-
5
|2 Samuel 20:5|
UAmasa waya kuwahlabela umkhosi amaYuda, walibala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona.
-
6
|2 Samuel 20:6|
Wathi uDavide kuAbhishayi, Kungokunje uShebha, unyana kaBhikri, uya kusenzela ububi ngaphezu koAbhisalom; bathabathe wena abakhonzi benkosi yakho, umsukele, hleze afumane imizi enqatyisiweyo, asizimele.
-
7
|2 Samuel 20:7|
Aphuma amlandela amadoda kaYowabhi, nabancinithi, nezigidimi, namagorha onke; baphuma ke eYerusalem, baya kumsukela uShebha unyana kaBhikri.
-
8
|2 Samuel 20:8|
UAmasa weza kubo besetyeni elikhulu eliseGibheyon. Ke uYowabhi ubeyibhinqile ingubo yakhe yokulwa, umbinqo wekrele unxitywe ngaphezu kwayo esinqeni sakhe, lisesingxobeni salo; sancothuka ke, lawa ikrele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10