-
-
Xhosa
-
-
19
|2 Samuel 20:19|
Ndingowabaxolileyo, abathembekileyo kwaSirayeli; ke ufuna ukubulala umzi ongunozala kwaSirayeli. Yini na ukuba uliginye ilifa likaYehova?
-
20
|2 Samuel 20:20|
Waphendula uYowabhi, wathi, Makube lee, makube lee kum, ukuba ndiginye nokuba ndonakalise.
-
21
|2 Samuel 20:21|
Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi. Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga.
-
22
|2 Samuel 20:22|
Yaya loo ntokazi kubantu bonke ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhikri, bayigibisela kuYowabhi. Wavuthela isigodlo, baphangalala bemka kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. UYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
-
23
|2 Samuel 20:23|
Ke kaloku uYowabhi wawuphatha wonke umkhosi wakwaSirayeli; uBhenaya, unyana kaYehoyada, waphatha abancinithi nezigidimi.
-
24
|2 Samuel 20:24|
UAdoram waphatha abafakwa uviko; uYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, ubengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
25
|2 Samuel 20:25|
USheva ubengumbhali; uTsadoki noAbhiyatare baye bengababingeleli.
-
26
|2 Samuel 20:26|
Kananjalo uIra waseYahire ubengumbingeleli kuDavide.
-
1
|2 Samuel 21:1|
Ke kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka yamithathu, umnyaka ngomnyaka. UDavide wafuna ubuso bukaYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule, nangenxa yendlu yamagazi akhe, ngenxa enokuba wabulala abaseGibheyon.
-
2
|2 Samuel 21:2|
Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo; uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda):
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10