-
-
Xhosa
-
-
13
|2 Samuel 21:13|
wawanyusa khona amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, bawabutha namathambo abo babebethelelwe eminqamlezweni;
-
14
|2 Samuel 21:14|
amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise; bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.
-
15
|2 Samuel 21:15|
Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide.
-
16
|2 Samuel 21:16|
Wathi uIshbhi-bhenobhi, obengowoonyana bakaRafa, obunzima bentshuntshe yakhe bebungamakhulu omathathu obhedu ubunzima bayo, enxibe ikrele elitsha, waba womxabela uDavide.
-
17
|2 Samuel 21:17|
UAbhishayi unyana kaTseruya wamnceda, wamxabela umFilisti lowo, wambulala. Aza amadoda kaDavide amfungela esithi, Uze ungabuyi uphume nathi uye ekulweni, ucime isibane samaSirayeli.
-
18
|2 Samuel 21:18|
Kwathi emveni kokuba njalo, kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi; oko uSibhekayi umHusha wamxabelayo uSafu, obengowoonyana bakaRafa.
-
19
|2 Samuel 21:19|
Kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi, apho uElihanan, unyana kaYahare-oregim waseBhetelehem, wamxabelayo uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
-
20
|2 Samuel 21:20|
Kwabuya kwabakho ukulwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, ibineminwe emithandathu sandleni sinye, namazwane amathandathu lunyaweni lunye, amashumi amabini anamane ngenani; nayo ibizalwa nguRafa.
-
21
|2 Samuel 21:21|
Yawangcikiva amaSirayeli, wayixabela uYonatan unyana kaShimeha, umkhuluwa kaDavide.
-
22
|2 Samuel 21:22|
Abo bobane bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10