-
-
Xhosa
-
-
9
|2 Samuel 20:9|
Wathi uYowabhi kuAmasa, Usahleli kakuhle na, mzalwana wam? UYowabhi wambamba uAmasa ngeendevu ngesandla sokunene, ukuba amange.
-
10
|2 Samuel 20:10|
Ke uAmasa ubengalilumkele ikrele elibe lisesandleni sikaYowabhi. Wamhlaba ngalo esiswini, wamphalaza izibilini emhlabeni, akaphinda amhlabe; wafa. UYowabhi noAbhishayi umzalwana wakhe bamsukela uShebha, unyana kaBhikri.
-
11
|2 Samuel 20:11|
Kwema enye kumadodana akwaYowabhi ngakuye, yathi, Ubani ononelele uYowabhi, nongakuDavide, makalandele uYowabhi.
-
12
|2 Samuel 20:12|
UAmasa watyikatyikeka egazini emendweni. Yabona indoda leyo, ukuba abantu bonke bathe nqumama, yamsusa uAmasa emendweni, yamshenxisela ecaleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe; ngokokuba ibibona bemana ukuthi nqumama bonke abafika kuye.
-
13
|2 Samuel 20:13|
Akususwa ke emendweni, onke amadoda egqitha, alandela uYowabhi, asukela uShebha, unyana kaBhikri.
-
14
|2 Samuel 20:14|
Wacanda ezizweni zonke zakwaSirayeli, waya eAbhele naseBhete-mahaka; namadodana onke abizelwa ndawonye, eza amlandela nawo.
-
15
|2 Samuel 20:15|
Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe.
-
16
|2 Samuel 20:16|
Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe.
-
17
|2 Samuel 20:17|
Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, UnguYowabhi na? Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva.
-
18
|2 Samuel 20:18|
Yatsho yathi, Kwakufudula kusithiwa, Ukubuza makubuzwe eAbhele, benjenjalo ukuyifeza into.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10