-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 22:1|
Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:
-
2
|2 Samuel 22:2|
Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,
-
3
|2 Samuel 22:3|
Thixo oliliwa lam, endizimela ngalo; Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam, Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.
-
4
|2 Samuel 22:4|
Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.
-
5
|2 Samuel 22:5|
Akundijikela amaza alwayo okufa, Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,
-
6
|2 Samuel 22:6|
Zakundibhijela izintya zelabafileyo, Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,
-
7
|2 Samuel 22:7|
Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova, Ndamnqula uThixo wam: Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.
-
8
|2 Samuel 22:8|
Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zezulu zagungqa, Zahexa ngokuba enomsindo.
-
9
|2 Samuel 22:9|
Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe, Avutha amalahle, ephuma kuwo.
-
10
|2 Samuel 22:10|
Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10