-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Samuel 22:21|
UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam, Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.
-
22
|2 Samuel 22:22|
Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova, Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
-
23
|2 Samuel 22:23|
Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam; Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.
-
24
|2 Samuel 22:24|
Ndandingogqibeleleyo kuye, Ndazinqanda ebugwenxeni bam.
-
25
|2 Samuel 22:25|
Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam, Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.
-
26
|2 Samuel 22:26|
Kowenceba uzenza owenceba, Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo.
-
27
|2 Samuel 22:27|
Kozenze nyulu uzenza onyulu, Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.
-
28
|2 Samuel 22:28|
Abantu abaziintsizana uyabasindisa, Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.
-
29
|2 Samuel 22:29|
Kuba usisibane sam, wena Yehova, UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.
-
30
|2 Samuel 22:30|
Kuba ngawe ndigila impi, NgoThixo wam nditsiba iindonga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10