-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 11:1|
Ke kaloku, abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nazo iintlanga zilamkele ilizwi likaThixo.
-
2
|Hechos 11:2|
Uthe ke uPetros akuba enyuke waya eYerusalem, babambana naye abolwaluko,
-
3
|Hechos 11:3|
besithi, Uye wangena kumadoda angalukileyo, wadla nawo.
-
4
|Hechos 11:4|
Waqala ke uPetros wabatyhilela ngokucacileyo, esithi,
-
5
|Hechos 11:5|
Mna ndandisemzini oyiYopa ndithandaza; ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omane, yada yaza kufika kum;
-
6
|Hechos 11:6|
endithe ndakuqwalasela kuyo, ndaqiqa, ndabona izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.
-
7
|Hechos 11:7|
Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.
-
8
|Hechos 11:8|
Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.
-
9
|Hechos 11:9|
Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.
-
10
|Hechos 11:10|
Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7