-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 11:11|
Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.
-
12
|Hechos 11:12|
Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;
-
13
|Hechos 11:13|
yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros,
-
14
|Hechos 11:14|
oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho.
-
15
|Hechos 11:15|
Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.
-
16
|Hechos 11:16|
Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.
-
17
|Hechos 11:17|
Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?
-
18
|Hechos 11:18|
Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.
-
19
|Hechos 11:19|
Abaya ke ngoko, babeziintsali ngembandezelo eyabakho ngoStefano, batyhutyha ilizwe, bada beza kwelaseFenike, naseSipro, nakwa-Antiyokwe, bengalithethi bantwini bambi, belithetha kumaYuda odwa.
-
20
|Hechos 11:20|
Yaye ke inxenye kubo ingamadoda aseSipro naseKirene; eyathi yona yakufika kwa-Antiyokwe, yathetha kwawesiGrike amaYuda, ishumayela iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7